Eyemfuduko 15:3-8 Ibhayibhile (XHO96)

3. “*UMhlekazi yena ulijoni;igama lakhe *nguNdikhoyo.

4. Umkhosi wamaJiputa neenqwelo zawowasuka waziphos' elwandle;iingqwayi-ngqwayi zomkhosi ezinamagamauzigubungele ngoLwandl' oluBomvu.

5. Ngoku zambathiswe yinzonzobila;suka zazika ngathi lilitye.

6. “Hayi kamb' isandla sakho, Ndikhoyo,yingwanyalal' etshatsheleyo!Ewe, isandla sakho, wena Ndikhoyo,siyaluvikiva utshaba lwakho.

7. Ngangamsh' engatshonelwa langa,ezikhahlela phants' izibhoja;umavulel' umsindo ozayo,uzithi lenye ngathi kutsh' ingca!

8. Ngokuphefumla kwakho nje qhasuka ulwandle lwaba ziingqimba,amanzi asuka aba ludonga,inzonzobila yolwandle yakhenkceza.

Eyemfuduko 15