Eyemfuduko 15:10-12 Ibhayibhile (XHO96)

10. Suka ke uNdikhoyo wafutha,kwaba kanye antywiliseleka amaJiputa.Ewe, azika nywam emanzini,kwanga kukweyela kwesinyithi.

11. “Kodw' angavela ph' onjengawe, Ndikhoyo,obalasele kangaka ngobunyulu,omiqondiso ikhamnqisa kangaka,ozenzo zimangalisa ngokuncamisayo?

12. Wathi wakusolula esakho isandla,umhlaba wazithi bimbilili iintshaba zethu.

Eyemfuduko 15