8. Xa nisenza eli theko ke, ze nibaxelele abantwana benu, nithi: ‘Ngalo mhla siwonga uNdikhoyo ngokusikhupha kwakhe eJiputa.’
9. Lo mbhiyozo ke uya kufana nomqondiso osesandleni okanye ebunzi, ukuze ningalibali ukubalisa ngommiselo kaNdikhoyo. Kaloku kwaba ngesandla sakhe ukuphuma kwenu eJiputa.
10. Ngoko ke eli siko lenzeni ngexesha lalo minyaka le.”
11. “Ke kaloku xa *uNdikhoyo ede wakufikisa kwelaseKanana njengoko wakuthembisayo wena nooyihlo,
12. uze umphawulele onke amazibulo azalwayo. Onke amazibulo emfuyo yakho angamaduna ngakaNdikhoyo.
13. Ke lona izibulo ledonki uya kulikhulula ngokulihlawulela ngexhwane; ungayenzanga loo nto uze ulophule ilungu lentamo. Nonyana wakho wamazibulo uze umkhulule ngentlawulo.