Eyemfuduko 13:14-18 Ibhayibhile (XHO96)

14. Kuya kuthi ke xa oonyana bebuza ukuba lithetha ntoni na elo siko, uthi: ‘Sisikhumbuzo sokuba saphuma ebukhobokeni baseJiputa ngokusebenza kwamandla kaNdikhoyo.

15. Kaloku wathi ukumkani waseJiputa akungavumi ukusikhulula, uNdikhoyo wawabulala amazibulo abantu nawemfuyo kwelaseJiputa. Ngesi sizathu ke amazibulo angamaduna kwimfuyo ndenzela ngawo uNdikhoyo idini. Ke wona amazibulo oonyana ndiwakhulula ngokuwahlawulela.

16. Eli siko ke liya kufana nomqondiso osesandleni okanye ebunzi, lihlale lisikhumbuza ukuba kukusebenza kwamandla kaNdikhoyo okwasikhupha eJiputa.’ ”

17. Wathi ukumkani waseJiputa akuwakhulula amaSirayeli, uThixo akawakhokela ngendlela ecanda kwelamaFilistiya, nakuba yayiyeyona imfutshane. Kaloku uThixo wathi: “AmaSirayeli akuzibona egaxeleka emfazweni, angafuna ukubuyela eJiputa.”

18. Ngoko ke uThixo wawakhokela ngendlela yasentlango esinga kuLwandle oluBomvu. AmaSirayeli ke aphuma eJiputa exhobele imfazwe.

Eyemfuduko 13