Eyemfuduko 13:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi:

2. “Ndiphawulele onke amazibulo azalwayo kwaSirayeli abe ngawam, nditsho awabantu nawemfuyo.”

3. UMosis wathetha nabantu wathi: “Ze ningaze niwulibale lo mhla wokukhululeka kwenu ebukhobokeni kwelaseJiputa. Kaloku nikhululwe bubungangamsha *bukaNdikhoyo. Ngawo makungatyiwa sonka sinyusiweyo.

4. Lo mhla wale nyanga inguAbhibhi yimini yokunduluka kwenu.

5. UNdikhoyo wabathembisa ookhokho benu ukuba uya kubanika ilizwe lamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaHivi, namaJebhusi. Nakufika kwelo lizwe lihle liyinzwakazi, livuza ubisi nobusi, ze nenze isikhumbuzo ngawo wona lo mhla wale nyanga minyaka le.

Eyemfuduko 13