40. KwelaseJiputa amaSirayeli ahlala iminyaka engamakhulu amane anamashumi amathathu.
41. Kwathi kanye ke ngosuku lokugqibela lokuphela kwaloo minyaka uhlanga lukaNdikhoyo lwaphuma eJiputa lungamabutho ngamabutho.
42. Ngenxa yokuba uNdikhoyo walinda ngobo busuku, elindele ukuwakhupha eJiputa, nangoku amaSirayeli anesiko lokulinda ngobu busuku, esenza isikhumbuzo sikaNdikhoyo.
43. *UNdikhoyo wabayalela uMosis noAron, wathi: “Nantsi imimiselo emaniyigqale xa kubhiyozelwa *iPasika: Umntu wolunye uhlanga akavumelekanga ukuba abe nenxaxheba.
44. Ke lona ikhoboka elithengiweyo livumelekile lakuba lalukile.
45. Umhambi okanye umqeshwa makangabi nanxaxheba.
46. Inyama leyo yotyelwa kuloo ndlu iphekelwe kuyo, kungàphunywa nayo phandle. Amathambo ayo makangakrotyozwa.
47. Lo msitho uya kubhiyozelwa ngamaSirayeli ephela.