Eyemfuduko 1:6-9 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ekuhambeni kwexesha wafa uJosefu nabantakwabo, naso sonke eso sizukulwana.

7. Kambe ke yona inzala yabo, amaSirayeli, yaqhama yanda kakhulu. Ewe, yanda yaphinda-phindana, yakhula nangamanani, futhi iluqilima, yada yalizalisa elaseJiputa.

8. Ke kaloku kwavela kumkani wumbi owayengazi nto ngoJosefu, wangumlawuli kwelaseJiputa.

9. Wabhekisa kubantu bakhe, wathi: “Niyawabona na ukwanda kwawo la maSirayeli, niqonda na ukuba aluqilima?

Eyemfuduko 1