6. Ekuhambeni kwexesha wafa uJosefu nabantakwabo, naso sonke eso sizukulwana.
7. Kambe ke yona inzala yabo, amaSirayeli, yaqhama yanda kakhulu. Ewe, yanda yaphinda-phindana, yakhula nangamanani, futhi iluqilima, yada yalizalisa elaseJiputa.
8. Ke kaloku kwavela kumkani wumbi owayengazi nto ngoJosefu, wangumlawuli kwelaseJiputa.
9. Wabhekisa kubantu bakhe, wathi: âNiyawabona na ukwanda kwawo la maSirayeli, niqonda na ukuba aluqilima?