Eyasentlango 9:2-3-23 Ibhayibhile (XHO96)

2-3. “Emalanga ngomhla weshumi elinesine wale nyanga kofuneka amaSirayeli aqalise umbhiyozo wesikhumbuzo *sePasika, ngokwezimiso nemigaqo yayo.”

4. Ngenene ke uMosis wawaxelela amaSirayeli ngePasika,

5. aza ke ngolo rhatya lomhla weshumi elinesine, kuloo nyanga yokuqala ayibhiyozela khona apho kwintlango yeSinayi. Yonke into yaqhutywa ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.

6. Kanti ke kwabakho bantu bathile *babegqwaliswe kukuphatha isidumbu. Bona ke zange babe nako ukuthatha nxaxheba apho kuloo mbhiyozo ngaloo mini. Baya kuzixela kuMosis noAron,

7. bathi: “*Sinomlaza, kuba sichukumise isidumbu; kambe ke singathini ukuphoswa xa abanye benikela ngedini lePasika kuNdikhoyo?”

8. UMosis wathi: “Lindani ndide ndifumane ilizwi kuNdikhoyo.”

9. UNdikhoyo ke wathi kuMosis:

20. Maxa wambi ke eli lifu lalihlala nje ithuba leentsukwana, libuye liphakame; kambe ke nakuyiphi na imeko wona amaSirayeli ayehamba okanye ahlale ngokwelizwi likaNdikhoyo.

21. Kanti kwakusenzeka nokuba lifike lifukame ngorhatya, lize ngentsasa elandelayo licombuluke. Phofu ke wona amaSirayeli ayengadubeki koko; ayelilandela nanini na licombuluka, nokuba kusemini okanye kusebusuku.

22. Ewe, nokuba lihleli iintsuku ezimbini, inyanga, nonyaka, kanti naxa lihleli ngaphezu kwelo thuba, oko nje lifukamile apho esibingelelweni, ayelilinda, aze ahambe lakucombuluka.

23. Ngokupheleleyo ke ukunduluka nokumisa kwamaSirayeli kwakuxhomekeke kwisikhokelo esinikwe uMosis nguNdikhoyo.

Eyasentlango 9