5. *UNdikhoyo wayalela uMosis
6. ukuba abakhethe abaLevi kumaSirayeli, abahlambulule
7. ngolu hlobo: “Bafefe ngamanzi okuhlambulula, utsho bachebe babususe bonke uboya emizimbeni, bazihlambe neempahla zabo. Bakuba benjenjalo ke baya kuhlambuluka.
8. Emva koko ke mabathathe inkunzana yenkomo, baphathe nomgubo onamafutha ukulungiselela ukwenza idini leenkozo; uze futhi uthathe enye inkunzi yenkomo yokwenza umnikelo wesono.
9. Qokelela ibandla lamaSirayeli ephela, uze bona abaLevi ubemise phambi *kwesibingelelo.