Eyasentlango 8:15-19 Ibhayibhile (XHO96)

15. Wakuba ke ubahlambulule, wabanikezela abaLevi, baya kukufanela ukubusa esibingelelweni.

16. Kuwo onke amaSirayeli abaLevi ngabam ncakasana, kuba ndibanga bona endaweni yoonyana bamazibulo bamaSirayeli.

17. Ukuwabulala kwam amazibulo amaJipta, ndazibekela bucala bonke oonyana bamazibulo bamaSirayeli, ngokunjalo namaduna angamazibulo emfuyo yawo.

18. Kambe ke ngoku ndibanga abaLevi endaweni yamazibulo amaSirayeli;

19. abaLevi aba ndiwabeka phantsi koAron noonyana bakhe, bangumnikelo wamaSirayeli esibingelelweni, khon' ukuze babuse bangxengxeze, amaSirayeli angehlelwa sisibetho ebesingawehlelayo xa asondele esibingelelweni.”

Eyasentlango 8