5. “Xa esephantsi kwesi sifungo makangachebi, angasusi neendevu ezi. Kaloku ngalo lonke elo xesha engokaNdikhoyo qwaba ubotshiwe sisifungo, ngoko ke makangaziphathi iinwele neendevu.
8. Kaloku xa esephantsi kwesi sifungo ulilolo likaNdikhoyo.
9. “Xa kwenzekile ukuba lowo ulilolo agqwaliseke ngokuba kufuphi nomntu osuke wafa ngebhaqo, kofuneka azigugule iinwele neendevu zakhe ngosuku lwesixhenxe, ukuze *ahlambuluke.
10. Ngosuku lwesibhozo ke uya kuthatha amahobe amabini, noba ngamavukuthu, eze nawo esangweni *lesibingelelo kumbingeleli.
11. Ngelinye ke umbingeleli uya kwenza idini lesono, lize elinye eli libe lidini elitshiswayo, khon' ukuze acanyagushelwe lowo ugqwaliswe sisidumbu. Kwangaloo mini ke umntu lowo uya kuziyeka ziphinde zikhule iinwele neendevu zakhe,