Eyasentlango 6:4-9 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ngalo lonke ixesha aselilolo makangatyi okanye asele nayiphi na into ephuma emdiliyeni, angafaki nditsho nembewu okanye ixolo lediliya.

5. “Xa esephantsi kwesi sifungo makangachebi, angasusi neendevu ezi. Kaloku ngalo lonke elo xesha engokaNdikhoyo qwaba ubotshiwe sisifungo, ngoko ke makangaziphathi iinwele neendevu.

6-7. Isihlwitha esi ngumqondiso wokuba uzinikele. Makangaze *azigqwalise ngokusondela kwisidumbu nokuba sesikayise okanye unina, nditsho nesomntakwabo.

8. Kaloku xa esephantsi kwesi sifungo ulilolo likaNdikhoyo.

9. “Xa kwenzekile ukuba lowo ulilolo agqwaliseke ngokuba kufuphi nomntu osuke wafa ngebhaqo, kofuneka azigugule iinwele neendevu zakhe ngosuku lwesixhenxe, ukuze *ahlambuluke.

Eyasentlango 6