27. Wonke umsebenzi wawo amaGershon makawenze phantsi kweliso lika-Aron noonyana bakhe, abaya kuwayalela izinto amakazithwale namakazenze.
28. Le ke yimisebenzi yamaGershon esibingelelweni. Aya kuyenza ekhokelwa nguItamare unyana kambingeleli uAron.
29. *UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba abale abaLevi bakwaMerari ngokwezindlu nemizi yabo.
30. Wathi makabhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.
31. Umsebenzi wabo ke uya kuba kukuphatha izibonda zesibingelelo, iintsika, neziseko zazo;
32. neentsika neziseko, izikhonkwane neentsontela zenkundla jikelele, nazo zonke izinto ezisetyenziswa kuyo. Indoda nganye iya kumiselwa izinto emayiziphathe.
33. Le ke yimisebenzi yamaMerari esibingelelweni. Aya kuyenza ekhokelwa nguItamare unyana kambingeleli uAron.