17. UNdikhoyo wabayalela ooAron noMosis, wathi
18-19. mababalumkele abakwaKohati bangasondeli kwezi zinto zingcwele, hleze bafe. Ukuthintela loo ngozi ke wathi uAron noonyana bakhe mabangene kuqala, babele ulowo nalowo umKohati umsebenzi nento aza kuyiphatha.
20. Kambe ke ukuba amaKohati angenile esibingelelweni, aza azibona nakancinane ezi zinto zingcwele, aya kufa.
21. *UNdikhoyo wayalela uMosis
22. ukuba abale abaLevi bakwaGershon ngokwezindlu nemizi yabo.
23. Wathi makabhalise onke amadoda akubudala obungamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu eminyaka, onke awayefanelekile ukuba angasebenza *esibingelelweni.
24. Umsebenzi wabo ke yayikukuphatha ezi zinto:
25. intente (eyangaphakathi neyangaphandle) nesigqubuthelo sayo, nesikhumba esisukiweyo, umkhusane wesango,
26. imikhusane neentsontela zenkundla jikelele, imikhusane yesango lenkundla, nazo zonke izixhobo ezisetyenziswa kwezi zinto. Umsebenzi wabo ke uya kunxulumana nezi zinto.