1. Iinkulu zendlu yakwaGiliyadi unyana kaMakire umzukulwana kaManase unyana kaJosefu, zaya kuMosis enezinye iinkokheli.
2. Zafika zathi: “*UNdikhoyo wakuyalela ukuba amaSirayeli uwabele umhlaba *ngamaqashiso. Ngokunjalo wathi umhlaba womntakwethu uZelofehadi uze uwunike iintombi zakhe.
3. Kambe ke xa zithe zendela ndlwini yimbi, loo mhlaba wazo uwela kuloo ndlu; ngaloo ndlela ke umhlaba olilifa lethu utsho unciphe.
10-11. Ke kaloku uMala, uTiza, uHogela, uMilika, noNoha, iintombi zikaZelofehadi, zenza ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis, zendela kwimizi yendlu yakowazo.