8. Inani leedolophu ezinikwa abaLevi kwindlu nganye loxhomekeka kubungakanani bomhlaba waloo ndlu. Kweneedolophu ezininzi phungula kakhulu; kweneedolophu ezimbalwa phungula kancinci.”
9. *UNdikhoyo wathetha noMosis,
10. wathi makathethe namaSirayeli, athi: “Nakuba niyiwelile iJordan nangena kwelaseKanana,
11. ze nimise iidolophu apho umntu angabalekela khona xa ebulele omnye ngengozi.
12. Xa elapho ke woba usindile kwimpindezelo yesizalwana sikamfi. Umntu otyholwa ngokubulala omnye akufuneki abulawe lingakhange lithethwe enkundleni ityala lakhe.
13. Khethani iidolophu zokuphephela zibe ntandathu,
14. zibe ntathu ngaphesheya empuma yomlambo iJordan, zibe kwantathu nganeno kwelaseKanana.