Eyasentlango 35:4-13 Ibhayibhile (XHO96)

4. Amadlelo makasuke kwiindonga zesixeko abhekele phaya isithuba esingamakhulu amane anamashumi amahlanu eemitha macala,

5. khon' ukuze ubekho ummandla olinganayo ongamakhulu asithoba eemitha ngapha nangapha, isixeko sona siphakathi.

6. AbaLevi ze nibanike iidolophu zibe ntandathu, apho umntu angabalekela khona xa abulele omnye ngengozi. Ngaphezu koko ke banikeni ezinye iidolophu zibe ngamashumi amane anambini

7. ndawonye namadlelo azo, ukuze ke zibe ngamashumi amane anesibhozo zizonke.

8. Inani leedolophu ezinikwa abaLevi kwindlu nganye loxhomekeka kubungakanani bomhlaba waloo ndlu. Kweneedolophu ezininzi phungula kakhulu; kweneedolophu ezimbalwa phungula kancinci.”

9. *UNdikhoyo wathetha noMosis,

10. wathi makathethe namaSirayeli, athi: “Nakuba niyiwelile iJordan nangena kwelaseKanana,

11. ze nimise iidolophu apho umntu angabalekela khona xa ebulele omnye ngengozi.

12. Xa elapho ke woba usindile kwimpindezelo yesizalwana sikamfi. Umntu otyholwa ngokubulala omnye akufuneki abulawe lingakhange lithethwe enkundleni ityala lakhe.

13. Khethani iidolophu zokuphephela zibe ntandathu,

Eyasentlango 35