Eyasentlango 35:14-27 Ibhayibhile (XHO96)

14. zibe ntathu ngaphesheya empuma yomlambo iJordan, zibe kwantathu nganeno kwelaseKanana.

15. Ezi dolophu zoba yindawo yokubalekela kumaSirayeli, kanti nakwiintlanga ezingabangeneleli okanye abemi. Nabani na ke obulele umntu ngengozi woba nokubalekela kwenye yazo.

16-18. “Kambe ke yena umntu obulele omnye esebenzisa isixhobo esiyintsimbi, ilitye, okanye umthi, woba netyala lokubulala, isigwebo sakhe ibe kukubulawa.

19. Uxanduva lokubulala isigwinta eso loba phezu kwesizalwana esingumphindezeli. Apho sisifumene khona masisibulale eso sigwinta.

20. “Ukuba umntu unomntu amzondayo waza wambulala ngokumeyelisela, ukumgibisela ngento, okanye ukumlalela,

21. noba kukumbetha ngamanqindi, loo mntu unetyala lokubulala, makabulawe. Uxaduva lokubulala eso sigwinta loba kwisizalwana esingumphindezeli womfi lowo; ngoko ke masisibulale apho sisifumene khona.

22. “Kambe ke ukuba umntu ubulele omnye ngengozi, kungengakuba ebemzonda, noba umbulele ngokumeyelisela okanye ukumgibisela ngento,

23. okanye mhlawumbi umntu ubethe omnye ngelitye engamboni, engenazinjongo, engelulo natshaba lwakhe,

24. kwimeko enjalo ityala maligwetywe yinkundla, nayo ke igwebele lo ubuleleyo, ingesiso isizalwana sikamfi esifuna impindezelo.

25. Inkundla mayimhlangule umbulali lowo kwisizalwana sikamfi; makabuyiselwe kwakuloo dolophu ebephephele kuyo. Umbulali lo ke makahlale apho kude kufe loo mntu ungumbingeleli omkhulu kwelo thuba, lowo uthanjiswe ngamafutha angcwele.

26. Kambe ke ukuba umbulali lowo umkile apho kuloo dolophu ebephephele kuyo,

27. waza ke wabhaqwa, wabulawa sisizalwana sikamfi, eso senzo sempindezelo asilotyala lakubulala.

Eyasentlango 35