13. UMosis ke waxelela amaSirayeli, wathi: “Nâlo ke ilizwe eniza kulizuza *ngamaqashiso, ilizwe elabelwe izindlu ezilithoba ezinesiqingatha *nguNdikhoyo.
14-15. Ke zona izindlu zikaRubhen, uGadi, kunye nesiqingatha sikaManase, zisifumene isabelo sazo ngokwemizi yazo ngaphesheya kwimpuma yeJordan malunga neJeriko.”
16. *UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi:
17. “Umbingeleli uElazare noYoshuwa unyana kaNune ngabo abaya kwabela amaSirayeli umhlaba.
18. Ngokunjalo ke khetha inkokheli ibe nye kwindlu nganye bancedise.
19-28. Nanga ke amagama eenkokheli ezo: Indlu Inkokheli KwaJuda uKalebhi unyana kaJefune KwaSimon uShemuweli unyana ka-Amihudi KwaBhenjamin uElidade unyana kaKiselon KwaDan uBhuki unyana kaJogeli KwaManase kaJosefu uHaniyeli unyana kaEfodi KwaEfrayim kaJosefu uKemuweli unyana kaShiftan KwaZebhulon uElizafan unyana kaParnaki KwaIsakare uPaltiyeli unyana ka-Azana Kwa-Ashere uAbhihudi unyana kaShelomi KwaNafetali uPedayeli unyana ka-Amihudi.”
29. Nango ke amadoda âmiswa nguNdikhoyo ukuba abele amaSirayeli umhlaba kwelaseKanana.