5. Ukunduluka kwawo eRamesi amaSirayeli aya kumisa eSukoti;
6. aza ukuphuma kwawo apho emisa e-Etam ekungeneni kwentlango.
7. Ukusuka kwawo ke apho aphindela ePi-hahiroti kwimpuma yeBhali-zefon, aza emisa ngaseMigdoli.
8. Ayishiya iPi-hahiroti, awela uLwandle oluBomvu, angena kwintlango yase-Etam; aza ke athi emva kweentsuku ezintathu aya kugaleleka emisa eMora.
9. Ukunduluka kwawo apho ke aya kumisa e-Elim, kuba khona kwakukho imithombo yamanzi elishumi elinambini nemithi yesundu engamashumi asixhenxe.