5. Ukunduluka kwawo eRamesi amaSirayeli aya kumisa eSukoti;
6. aza ukuphuma kwawo apho emisa e-Etam ekungeneni kwentlango.
7. Ukusuka kwawo ke apho aphindela ePi-hahiroti kwimpuma yeBhali-zefon, aza emisa ngaseMigdoli.
8. Ayishiya iPi-hahiroti, awela uLwandle oluBomvu, angena kwintlango yase-Etam; aza ke athi emva kweentsuku ezintathu aya kugaleleka emisa eMora.
9. Ukunduluka kwawo apho ke aya kumisa e-Elim, kuba khona kwakukho imithombo yamanzi elishumi elinambini nemithi yesundu engamashumi asixhenxe.
10. Ukushiya kwawo iElim aya kumisa ngakuLwandle oluBomvu.
11. Nalapho aphuma aya kungena kwintlango yeSin.
12. Akuphuma apho aya kumisa eDofeka
13. naseAlushe.
14. Kamva ke aya kutsho eRefidim, apho afika engekho amanzi okusela.
40. Ke kaloku ukumkani waseAradi owayekumazantsi eKanana weva ngokuza kwamaSirayeli.
50. Ke kaloku kwathi xa alapho kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko, *uNdikhoyo wanika uMosis le miyalelo,
51. wathi makayigqithisele kumaSirayeli, wathi: “Nakuyiwela iJordan, ningene kwelaseKanana,
52. ze nibakhuphe nibagxothe abemi bakhona. *Izithixo zabo ezenziwe ngobhedu nangamatye ze nizitshabalalise ndawonye neendawo abanqulela kuzo.
53. Ze nime nizinze kuloo mhlaba wabo, kuba niwuphiwa ndim.