Eyasentlango 33:3-13 Ibhayibhile (XHO96)

3. AmaSirayeli anduluka eJiputa ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yokuqala enyakeni, kusuku olulandela *iPasika, aphuma engafihlakalanga eRamesi, ekhokelwa nguNdikhoyo, ebonwa ngamaJiputa

4. awayexakeke kukungcwaba oonyana bawo abangamazibulo ababebulewe nguNdikhoyo. Ngesi senzo ke uNdikhoyo wazicacisa ukuba ungumakhonya *nakoothixo bamaJiputa.

5. Ukunduluka kwawo eRamesi amaSirayeli aya kumisa eSukoti;

6. aza ukuphuma kwawo apho emisa e-Etam ekungeneni kwentlango.

7. Ukusuka kwawo ke apho aphindela ePi-hahiroti kwimpuma yeBhali-zefon, aza emisa ngaseMigdoli.

8. Ayishiya iPi-hahiroti, awela uLwandle oluBomvu, angena kwintlango yase-Etam; aza ke athi emva kweentsuku ezintathu aya kugaleleka emisa eMora.

9. Ukunduluka kwawo apho ke aya kumisa e-Elim, kuba khona kwakukho imithombo yamanzi elishumi elinambini nemithi yesundu engamashumi asixhenxe.

10. Ukushiya kwawo iElim aya kumisa ngakuLwandle oluBomvu.

11. Nalapho aphuma aya kungena kwintlango yeSin.

12. Akuphuma apho aya kumisa eDofeka

13. naseAlushe.

Eyasentlango 33