Eyasentlango 33:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Le yimbali echaza ngeendawo awathi emisa kuzo ngokwezindlu zawo amaSirayeli ukuphuma kwawo eJiputa ekhokelwa nguMosis noAron.

2. Ngokuyalelwa *nguNdikhoyo ke uMosis wawabhala amagama eendawo abathi bemisa kuzo.

3. AmaSirayeli anduluka eJiputa ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yokuqala enyakeni, kusuku olulandela *iPasika, aphuma engafihlakalanga eRamesi, ekhokelwa nguNdikhoyo, ebonwa ngamaJiputa

4. awayexakeke kukungcwaba oonyana bawo abangamazibulo ababebulewe nguNdikhoyo. Ngesi senzo ke uNdikhoyo wazicacisa ukuba ungumakhonya *nakoothixo bamaJiputa.

5. Ukunduluka kwawo eRamesi amaSirayeli aya kumisa eSukoti;

6. aza ukuphuma kwawo apho emisa e-Etam ekungeneni kwentlango.

7. Ukusuka kwawo ke apho aphindela ePi-hahiroti kwimpuma yeBhali-zefon, aza emisa ngaseMigdoli.

8. Ayishiya iPi-hahiroti, awela uLwandle oluBomvu, angena kwintlango yase-Etam; aza ke athi emva kweentsuku ezintathu aya kugaleleka emisa eMora.

15-37. Ukuphuma kwawo eRefidim esiya kwintaba iHore, emisa kwezi ndawo zilandelayo: kwintlango iSinayi, iKibroti-hatava, iHazeroti, iRitema, iRimon-pereze, iLibhena, iRisa, iKehelata, intaba iShefere, iHarada, iMakeloti, iTahati, iTera, iMiteka, iHashemona, iMoseroti, iBhene-yakan, iHori-hagidegadi, iYotebhata, iAbrona, iEziyon-gebhere, eKadeshe kwintlango yeZin, nangakwintaba iHore emideni yase-Edom.

38-39. Ke kaloku ngokuyalelwa nguNdikhoyo umbingeleli uAron waqabela kwintaba iHore. Ke yena wafela apho ngomhla wokuqala kwinyanga yesihlanu kunyaka wamashumi amane amaSirayeli andulukayo eJiputa. Wayeneminyaka elikhulu elinamashumi amabini anantathu walibonayo ilanga.

41-49. Ukuphuma kwintaba iHore, ukuya kumathafa aseMowabhi amaSirayeli emisa kwezi ndawo zilandelayo: eZalmona, ePunon, eObhoti, eIye-abharim emdeni womhlaba waseMowabhi, eDibhon yakwaGadi, eAlmon-diblatayim, kwintaba iAbharim, ngakwintaba iNebho, nakumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko phakathi kweBhete-yeshimoti neentili zeShitim.

Eyasentlango 33