Eyasentlango 33:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Le yimbali echaza ngeendawo awathi emisa kuzo ngokwezindlu zawo amaSirayeli ukuphuma kwawo eJiputa ekhokelwa nguMosis noAron.

2. Ngokuyalelwa *nguNdikhoyo ke uMosis wawabhala amagama eendawo abathi bemisa kuzo.

3. AmaSirayeli anduluka eJiputa ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yokuqala enyakeni, kusuku olulandela *iPasika, aphuma engafihlakalanga eRamesi, ekhokelwa nguNdikhoyo, ebonwa ngamaJiputa

4. awayexakeke kukungcwaba oonyana bawo abangamazibulo ababebulewe nguNdikhoyo. Ngesi senzo ke uNdikhoyo wazicacisa ukuba ungumakhonya *nakoothixo bamaJiputa.

15-37. Ukuphuma kwawo eRefidim esiya kwintaba iHore, emisa kwezi ndawo zilandelayo: kwintlango iSinayi, iKibroti-hatava, iHazeroti, iRitema, iRimon-pereze, iLibhena, iRisa, iKehelata, intaba iShefere, iHarada, iMakeloti, iTahati, iTera, iMiteka, iHashemona, iMoseroti, iBhene-yakan, iHori-hagidegadi, iYotebhata, iAbrona, iEziyon-gebhere, eKadeshe kwintlango yeZin, nangakwintaba iHore emideni yase-Edom.

38-39. Ke kaloku ngokuyalelwa nguNdikhoyo umbingeleli uAron waqabela kwintaba iHore. Ke yena wafela apho ngomhla wokuqala kwinyanga yesihlanu kunyaka wamashumi amane amaSirayeli andulukayo eJiputa. Wayeneminyaka elikhulu elinamashumi amabini anantathu walibonayo ilanga.

Eyasentlango 33