Eyasentlango 32:26-32 Ibhayibhile (XHO96)

3-4. “Lo mhlaba amaSirayeli awuphiwe *nguNdikhoyo – sitsho ezi dolophu: iAtaroti, iDibhon, iJazere, iNimra, iHeshbhon, iElale, iSebham, iNebho, neBheyoni – ungumhlaba olungele iinkomo, ibe ke nathi sineenkomo ezininzi.

26. Iintsapho zethu neenkomo neegusha zona ziya kusala apha kwezi dolophu zaseGiliyadi.

27. Ke thina sonke sesilungele ukungena phantsi koNdikhoyo. Soxhoba siyiwele iJordan; siya kulwa emfazweni ngokomyalelo wakho.”

28. UMosis wayalela uElazare, uYoshuwa, nezinye iinkulu zezindlu zamaSirayeli,

29. wathi: “Ukuba amaGadi namaRubhen ayiwelile iJordan, aza alwa kumkhosi kaNdikhoyo, naza ke noyisa nalithimba elo lizwe, ke wona ze niwanike umhlaba waseGiliyadi, ibe sisabelo sawo.

30. Kambe ke ukuba akayiwelanga iJordan aya kulwa kunye nani, isabelo sawo osifumana kwelaseKanana kunye nani.”

31. Ke wona amaGadi namaRubhen aphendula athi: “Ewe, siya kwenza njengoko athethileyo uNdikhoyo.

32. Siya kuwela siye kwilizwe laseKanana, silwe siphantsi kwakhe, ukuze singaphulukani nesabelo sethu apha kwimpuma yeJordan.”

Eyasentlango 32