7. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke bawahlasela amaMidiyani, bawatshabalalisa onke amadoda,
8. kunye neekumkani ezintlanu zamaMidiyani: uEvi, uRekem, uZure, uYuri, noRebha. Bambulala noBhalam unyana kaBhehore.
9. AmaSirayeli athimba abafazi bamaMidiyani nabantwana bawo, ayithatha yonke imfuyo yawo, azenzela nakubutyebi bawo.
10. Ke zona iidolophu nemizana azitshisa ngomlilo zonke.
11. Amabanjwa nemfuyo nako konke ababekuthimbile bakuthatha
12. bakusa kuMosis noElazare noSirayeli ephela. Bona ke babemise kumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.
13. UMosis, noElazare, neenkulu zezindlu zamaSirayeli, baphuma baya kuhlangabeza umkhosi.
14. UMosis wakhathazeka sisenzo sabaphathi neengqwayi-ngqwayi zamabutho namaqela awayevela emfazweni.
15. Wabuza wathi: “Ngani ukuba ningababulali aba bafazi?