Eyasentlango 31:3-8 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ngoko ke uMosis wayalela amaSirayeli, wathi: “Xhobisani amadoda omkhosi ukuze ahlasele amaMidiyani, aphindezele ngenxa kaNdikhoyo.

4. Indlu nganye mayikhuphe iwaka lamadoda.”

5. Indlu nganye ke yakhetha yakhupha iwaka lamadoda, aza ke ewonke alishumi elinambini lamawaka alibophe aligangatha.

6. UMosis ke wawukhupha lo mkhosi, uhamba nombingeleli uPineyasi unyana kaElazare. Yena waya edabini ephethe izitya ezingcwele namaxilongo okuhlaba umkhosi.

7. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke bawahlasela amaMidiyani, bawatshabalalisa onke amadoda,

8. kunye neekumkani ezintlanu zamaMidiyani: uEvi, uRekem, uZure, uYuri, noRebha. Bambulala noBhalam unyana kaBhehore.

Eyasentlango 31