Eyasentlango 31:22-23-38 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ngoko ke uMosis wayalela amaSirayeli, wathi: “Xhobisani amadoda omkhosi ukuze ahlasele amaMidiyani, aphindezele ngenxa kaNdikhoyo.

4. Indlu nganye mayikhuphe iwaka lamadoda.”

5. Indlu nganye ke yakhetha yakhupha iwaka lamadoda, aza ke ewonke alishumi elinambini lamawaka alibophe aligangatha.

6. UMosis ke wawukhupha lo mkhosi, uhamba nombingeleli uPineyasi unyana kaElazare. Yena waya edabini ephethe izitya ezingcwele namaxilongo okuhlaba umkhosi.

7. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke bawahlasela amaMidiyani, bawatshabalalisa onke amadoda,

8. kunye neekumkani ezintlanu zamaMidiyani: uEvi, uRekem, uZure, uYuri, noRebha. Bambulala noBhalam unyana kaBhehore.

9. AmaSirayeli athimba abafazi bamaMidiyani nabantwana bawo, ayithatha yonke imfuyo yawo, azenzela nakubutyebi bawo.

22-23. Uthe yonke into engatshiyo enjengegolide, isiliva, ubhedu, intsimbi, inkcenkce, okanye ilothe, mayihlanjululwe ngokufakwa emlilweni, ize ifakwe emanzini okuhlambulula. Izinto ezizezinye ke zona zohlanjululwa ngamanzi okuhlambulula kuphela.

24. Ngosuku lwesixhenxe ke kofuneka nizihlambe iimpahla zenu; xa kunjalo ke noba nihlambulukile ngokusesikweni, nibe nako nokungena emzini.”

25. *UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi:

26. “Thatha uElazare neenkulu zezindlu zamaSirayeli, nibale yonke into eniyithimbileyo kunye namabanjwa nemfuyo.

27. Onke amaxhoba lawo wahluleni kubini ngokulinganayo. Esinye isahlulo soba sesamajoni, esinye ke sibe sesebandla lonke.

28. Kwisahlulo samajoni thathani umrhumo kaNdikhoyo; wona ke woba libanjwa elinye kwangamakhulu amahlanu. Nosebenzisa kwaloo mlinganiselo ke nakwimfuyo.

29. Ezi zinto ke nozinika umbingeleli uElazare, zingumrhumo owodwa kaNdikhoyo.

30. Ke kwisahlulo samaSirayeli thathani libe linye kumabanjwa angamashumi amahlanu, niqhube kwangaloo mlinganiselo ke nakwimfuyo. Ezi zinto ke zona zinikeni abaLevi abo balusa *isibingelelo.”

31. UMosis noElazare ke bazenza zonke ezi zinto ngokwelizwi likaNdikhoyo.

32. Nalu ke uludwe lwamaxhoba awathinjwa ngumkhosi xa ewonke: amakhulu amathandathu namashumi asixhenxe anantlanu amawaka eegusha neebhokhwe;

33. amashumi asixhenxe anambini amawaka eenkomo;

34. amashumi amathandathu ananye amawaka eedonki;

35. namashumi amathathu anambini amawaka amantombazana kunye neentombi.

36. Ke isahlulo samajoni saba ngamakhulu amathathu namashumi amathathu anesixhenxe samawaka namakhulu amahlanu eegusha neebhokhwe;

37. waza ke umrhumo kaNdikhoyo wangamakhulu amathandathu anamashumi asixhenxe anantlanu.

38. Zona iinkomo zangamashumi amathathu anesithandathu amawaka; aza ke amashumi asixhenxe anambini aba ngumrhumo kaNdikhoyo.

Eyasentlango 31