Eyasentlango 30:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Iinkulu zezindlu zikaSirayeli uMosis wazinika le mimiselo *kaNdikhoyo ilandelayo, wathi:

2. “Indoda xa ithe yenza isibhambathiso kuNdikhoyo, okanye xa ithe yenza isifungo sokuzibophelela, mayingasaphuli eso sifungo, koko mayikufezekise konke ekuthembisileyo.

3. “Ukuba intombi engekendi ithembisa ukunika uNdikhoyo into, okanye yafungela ukuzila into ethile,

4. mayenze ngokwesifungo nesithembiso sayo, ngaphandle kokuba uyise uthe akuyiva loo nto, wayichasa.

5. Kodwa ke xa athe akuva ngale nyewe uyise, wala ukuba isifezekise eso sithembiso, ayisabophelelekanga kuso. UNdikhoyo uya kuyixolela, kuba yalelwe nguyise ukuba mayisifezekise.

Eyasentlango 30