Eyasentlango 3:42-48 Ibhayibhile (XHO96)

42. UMosis ke wawuthobela lo myalelo kaNdikhoyo, wawabala onke loo mazibulo

43. abudala buyinyanga nangaphezulu, aza aba ngamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amabini namashumi asixhenxe anantathu.

44. UNdikhoyo wayala uMosis wathi:

45. “Ngoku ke babekele bucala ubamisele abaLevi, babe ngabam, bathathe indawo yoonyana bamazibulo bamaSirayeli. Ngokunjalo ke neenkomo zabaLevi mazithathe indawo yamazibulo eenkomo zamaSirayeli.

46. Amazibulo angoonyana bamaSirayeli athe kratya ngamakhulu amabini anamashumi asixhenxe anantathu kubaLevi; eli nani badlula ngalo ke malihlawulelwe.

47. Kweli nani ke unyana ngamnye makahlawulelwe iisiliva ezintlanu ngokomlinganiselo ovunyiweyo.

48. Le mali ke mayinikwe uAron noonyana bakhe.”

Eyasentlango 3