37. Ngokunjalo babejongene nezibonda, iintsika, izikhonkwane, neentsontela zenkundla.
38. Ke yena uMosis noAron noonyana bakhe bema phambi kwesibingelelo ngasempuma. Umsebenzi wabo yayikukubusa ngaphakathi egumbini eliyingcwele, bemele amaSirayeli. Nabani na ongomnye owenza lo msebenzi wabo uya kubulawa.
39. Lilonke inani labaLevi abudala buyinyanga nangaphezulu abathi babhaliswa nguMosis ngokwelizwi likaNdikhoyo laba ngamashumi amabini anambini amawaka.
40-41. *UNdikhoyo wathi kuMosis: “Onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli ngawam. Ngoko ke wabhalise onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli abudala buyinyanga nangaphezulu. Kambe ke endaweni yawo ndibanga bonke abaLevi – ndinguNdikhoyo kaloku! Ngokunjalo nasendaweni yamazibulo eenkomo zamaSirayeli ndibanga zonke iinkomo zabaLevi.”
42. UMosis ke wawuthobela lo myalelo kaNdikhoyo, wawabala onke loo mazibulo
43. abudala buyinyanga nangaphezulu, aza aba ngamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amabini namashumi asixhenxe anantathu.
44. UNdikhoyo wayala uMosis wathi: