4. Ngani ukuba igama likabawo liduke kwaSirayeli ngokuba wayengenanyana? Sincede usinike isabelo nathi phakathi kwamawethu.”
5. Lo mcimbi uMosis wawusa kuNdikhoyo,
6. waza ke yena wathi:
7. “Iintombi zikaZelofehadi zenze isicelo esifanelekileyo, ngoko ke mazinikwe isabelo phakathi kwamawazo. Ilifa likayise maliwele kuzo.
8. “Yithi ke kumaSirayeli: ‘Xa indoda ife ingenanyana, ilifa layo malityiwe yintombi yayo.
9. Ukuba ke ayinantombi, ilifa layo loba lelabantakwayo.
10. Xa kuthe kanti ayinabantakwayo, ilifa malibe lelooyisekazi.