1. UMala, uNowa, uHogela, uMilika, noTiza, ziintombi zikaZelofehadi unyana kaHefere, kaGiliyadi, kaMakire, kaManase. Ngoko ke ziintombi zakwaManase unyana kaJosefu.
2. Ke zona zaya kuMosis noElazare umbingeleli, benamadoda amakhulu ndawonye noSirayeli ephela. Babehlanganisene esangweni *lesibingelelo.
3. Zafika zathi: “Utata wafela entlango engazalanga nyana. Akadibananga neqela likaKora elavukela *uNdikhoyo, koko yena wafela isono sakhe.
4. Ngani ukuba igama likabawo liduke kwaSirayeli ngokuba wayengenanyana? Sincede usinike isabelo nathi phakathi kwamawethu.”