Eyasentlango 26:63-65 Ibhayibhile (XHO96)

63. Le ke yimizi eyadweliswa nguMosis noElazare xa babesenza ubalo lwamaSirayeli kumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.

64. Kumadoda awayebalwe nguMosis noAron kwintlango yeSinayi, kubalo lokuqala, kwakungasekho nob' ibe nye.

65. Kaloku *uNdikhoyo wayethe onke aya kufela entlango, kusinde uKalebhi unyana kaJefune, noYoshuwa unyana kaNune. Nangoku ke kwaba njalo.

Eyasentlango 26