50. Inani lamadoda ale ndlu yaba ngamashumi amane anesihlanu amawaka, namakhulu amane.
51. Lilonke inani lamaSirayeli angamadoda yaba ngamakhulu amathandathu ananye amawaka, namakhulu asixhenxe, anamashumi amathathu.
52. *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi:
53. “Umhlaba wahlulele le mizi ngokobubanzi bayo, ube lilifa layo.
54. Umzi obanzi ilifa lawo malibe likhulu, elomzi onganeno libe nganeno. Umzi ngamnye uya kufumana ilifa lawo ngokwenani lababhaliweyo.
55. Qiniseka ukuba umhlaba wahlulwa *ngamaqashiso. Isabelo somzi sohamba ngokobubanzi bawo.
56. Ewe, ilifa elo liya kwabiwa ngamaqashiso kwimizi ebanzi nenganeno ngokunjalo.”