40. Ama-Ardi namaNaman yinzala kaBhela.
41. Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amane anesihlanu amawaka, namakhulu amathandathu.
42. Indlu kaDan: inzala yayo iphuma kumaShuham.
43. Inani lamadoda ale ndlu yayingamashumi amathandathu anane amawaka, makhulu amane.
44. Indlu ka-Ashere; imizi yayo: amaImna, amaIshvi, namaBheriya.
45. AmaHebhere namaMalekiyeli yinzala kaBheriya.
46. UAshere wayenentombi egama linguSera.
47. Amadoda ale ndlu ke ayengamashumi amahlanu anantathu amawaka, namakhulu amane.
48. Indlu kaNafetali; imizi yayo: amaJazeli, amaGuni,
49. amaJezere, namaShilem.
50. Inani lamadoda ale ndlu yaba ngamashumi amane anesihlanu amawaka, namakhulu amane.
51. Lilonke inani lamaSirayeli angamadoda yaba ngamakhulu amathandathu ananye amawaka, namakhulu asixhenxe, anamashumi amathathu.
52. *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi:
53. “Umhlaba wahlulele le mizi ngokobubanzi bayo, ube lilifa layo.
54. Umzi obanzi ilifa lawo malibe likhulu, elomzi onganeno libe nganeno. Umzi ngamnye uya kufumana ilifa lawo ngokwenani lababhaliweyo.
55. Qiniseka ukuba umhlaba wahlulwa *ngamaqashiso. Isabelo somzi sohamba ngokobubanzi bawo.