1. Emva kwaloo bhubhani ke *uNdikhoyo wathetha noMosis noElazare unyana wombingeleli uAron, wathi:
2. “Libaleni ibandla lamaSirayeli liphela ngokwezindlu, nibale amadoda ukususela kubudala obuyiminyaka emashumi mabini ukunyuka, lawo afanelekileyo ukungena emkhosini.”
5. Indlu kaRubhen (uRhubhen ke wayeyinkulu kaSirayeli); imizi yayo: amaHanoki, amaPalu,
6. amaHezeron, namaKarmi.
7. Inani lamadoda ale mizi ke yayingamashumi amane anesithathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, namashumi amathathu.
8. Inzala kaPalu yayinguEliyabhi
9. noonyana bakhe uNemuweli, uDatan, noAbhiram. Lo Datan nalo Abhiram ke ngabaya babenyulwe ngamaSirayeli. Bamvukela uMosis noAron, baza bazibandakanya nehlokondiba likaKora ngexesha ababevukela *uNdikhoyo.
10. Kaloku umhlaba wavuleka wabaginya, baza bafa kunye noKora nabalandeli bakhe abatshatyalaliswa ngumlilo bengamakhulu amabini namashumi amahlanu amadoda. Ke bona baba sisilumkiso kumaSirayeli.
11. Kambe umlibo kaKora zange uphele.
12. Indlu kaSimon; imizi yayo: amaNemuweli, amaJamin, amaJakin,
13. amaZera, namaShawuli.
14. Inani lamadoda ale mizi ke yayingamashumi amabini anambini amawaka anamakhulu amabini.
15. Indlu kaGadi; imizi yayo: amaZefon, amaHagi, amaShuni,
16. amaOzeni, amaEri,