Eyasentlango 25:14-18 Ibhayibhile (XHO96)

14. Igama lomSirayeli owabulawa kunye nomMidiyanikazi yayinguZimri, unyana kaSalu, inkulu yomzi othile kwindlu kaSimon.

15. Lona igama lomfazi lowo yayinguKozibhi. Uyise uZure wayeyinkosi yezindlu ezithile zamaMidiyani.

16. UNdikhoyo wathi kuMosis:

17. “AmaMidiyani ziintshaba zenu; watshabalaliseni,

18. kuba abonise ubutshaba kuni ngokunikhohlisa, nangenxa kaKozibhi owabulawa mhla ngobhubhani obangwe sisithwakumbe sasePehore.”

Eyasentlango 25