14. Igama lomSirayeli owabulawa kunye nomMidiyanikazi yayinguZimri, unyana kaSalu, inkulu yomzi othile kwindlu kaSimon.
15. Lona igama lomfazi lowo yayinguKozibhi. Uyise uZure wayeyinkosi yezindlu ezithile zamaMidiyani.
16. UNdikhoyo wathi kuMosis:
17. “AmaMidiyani ziintshaba zenu; watshabalaliseni,
18. kuba abonise ubutshaba kuni ngokunikhohlisa, nangenxa kaKozibhi owabulawa mhla ngobhubhani obangwe sisithwakumbe sasePehore.”