1. AmaSirayeli athi xa ayemise kwintili yeShitim, asuka arheletya neentokazi zamaMowabhi.
2. AmaMowabhikazi amema amaSirayeli ukuba aye kwizidlo zamadini awayesenzelwa *izithixo zamaMowabhi. AmaSirayeli akutya oko kutya, amnqula
3. uBhali wasePehore. Ngoko ke *uNdikhoyo wavutha ngumsindo,
4. waza wathi kuMosis: “Thatha iinkokheli zamaSirayeli, uzibulale, uzixhome esidlangalaleni phambi *kwesibingelelo, khon' ukuze udambe umsindo wam ngakumaSirayeli.”
5. Ke kaloku uMosis wathi kwizikhulu zakwaSirayeli: “Ngamnye kuni makabulale amawabo azibandakanye noBhali wasePehore.”
6. Omnye umSirayeli wathatha umMidiyanikazi, wangena naye kwakhe, ebonwa nguMosis nangamaSirayeli ephela, ngexesha awayesazilile esesangweni lesibingelelo.