Eyasentlango 24:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. Hay' ubuhle beentente zikaYakobi!Ewe, athe dwe amanqugwala kaSirayeli!

6. Zithe tyaba okweentili;zithe thande okomyezo ecaleni komlambo,ngathi ngumngcelele wekhala elityalwe nguNdikhoyo,sengathi yimisedare phezu komlambo.

7. Kuwo imvula iya kuhlala ingunogumbe,imbewu ayityale kumhlaba otofo-tofo.Ukumkani wawo woba mkhulu kunoAgagi,ulawulo lwakhe lubalasele ngodumo.

8. UThixo wawakhupha eJiputa,iimpondo zakhe zibaze okwenyathi.Iintshaba zawo azithi nqwam-nqwam,amathambo azo awacole.Ke lona utolo lwawo luyahlabanisela.

9. Luhlanga olubuthuma njengengonyama;lunjengemaz' engonyama, lungavuswa ngubani?Uthamsanqelekile osikelela uSirayeli!Hay' ishwangusha kulowo umqalekisayo!”

10. Ke kaloku uBhalaki wabhabhazela ngumsindo, wabetha ngenqindi phantsi, wathi kuBhalam: “Ndakulanda ukuba uze kuqalekisa iintshaba zam, kodwa ngoku kude kwakathathu uzithamsanqela!

11. Yini le! Chitheka; goduka! Ndathembisa ukuba ndiya kukuvuza ungakrokri, kambe ke lo Ndikhoyo ukwalele ukuba uwufumane loo mvuzo.”

Eyasentlango 24