Eyasentlango 24:2-5 Ibhayibhile (XHO96)

2. waza wawabona amaSirayeli eqokelelene izindlu ngezindlu. Wasuka ke wonganyelwa nguMoya kaThixo;

3. waza wadanduluka wathetha kwavokotheka wenjenje:“Nal' udaba olundilisekileyo lukaBhalam, unyana kaBhehore,amazwi andilisekileyo omfo obona cacileyo,

4. izihlabo zomfo owevayo amazwi kaThixo,othwetyulweyo, kambe ethe ntsho ngamehlo,walamile, unombono kaSomandla.

5. Hay' ubuhle beentente zikaYakobi!Ewe, athe dwe amanqugwala kaSirayeli!

Eyasentlango 24