2. waza wawabona amaSirayeli eqokelelene izindlu ngezindlu. Wasuka ke wonganyelwa nguMoya kaThixo;
3. waza wadanduluka wathetha kwavokotheka wenjenje:“Nal' udaba olundilisekileyo lukaBhalam, unyana kaBhehore,amazwi andilisekileyo omfo obona cacileyo,
4. izihlabo zomfo owevayo amazwi kaThixo,othwetyulweyo, kambe ethe ntsho ngamehlo,walamile, unombono kaSomandla.
5. Hay' ubuhle beentente zikaYakobi!Ewe, athe dwe amanqugwala kaSirayeli!