Eyasentlango 24:15-25 Ibhayibhile (XHO96)

15. Wathetha ke kwavokotheka uBhalam, wathi:“Nal' udaba olundilisekileyo lukaBhalam, unyana kaBhehore,amazwi andilisekileyo omfo obona cacileyo,

16. izihlabo zomfo owevayo amazwi kaThixo,olwamkelayo ulwazi oluvela kuPhezukonke,othwetyulweyo, kambe ke ethe ntsho ngamehlo,walamile, unombono kaSomandla.

17. Ewe, ndiyambona; nankuya phambili phaya.Ndiyamalama, umgama, phambili qelele.Ndibon' inkwenkwez' iphuma kwaYakobi;ndiwujongile umsimbithi usithi thaphu kwaSirayeli.Uya kuzintlekez' iinkokheli zikaMowabhi,abafohloz' oonyana bakaSeti.

18. Uya kuzivuthulula iintshaba zakhe kwaEdom;ewe, iSeyire ibe yeyakhe,abe ke yena uSirayeli ekhula ngokomelela.

19. Kothi qhaphu umlawuli kwaYakobi,abasindileyo e-Edom abatshayele kuthi nya.”

20. UBhalam wabona nama-Amaleki, waza wathetha kwavokotheka wathi:“UAmaleki fudula elelona hlanga lomeleleyo,kambe ke ekugqibeleni uya kutshabalala kuthi tu!”

21. Kwangokunjalo wabona amaKeni, waza wathetha kwavokotheka wathi:“Ikhaya lakho ngumankankela wenqaba,ngathi yindlwana ekwiimfanta zeenkelekethe zamawa.

22. Kambe ke, nani maKeni, niya kutshabalala,akugaleleka uAsiriya anithimbe.”

23. UBhalam waqhuba wathetha kwavokotheka wenjenje:“Yaz'ba ngoobani abanokuphila engafuni uThixo?

24. Abahlaseli bovela ngaseKiti, behamba ngezikhephe.Baya kumtshabalalisa uAsiriya noHebhere.Kambe nabo ngokwabo baya kutshabalala naphakade.”

25. Ke kaloku uBhalam wev' endleleni wagoduka, waza ke noBhalaki wahamba eyakhe indlela.

Eyasentlango 24