Eyasentlango 24:13-21 Ibhayibhile (XHO96)

13. ukuba noba ungade undinike lonke ibhotwe lakho lizele yisiliva negolide andingekhe ndiwutsibe umyalelo kaNdikhoyo, ndenze ukuthanda kwam. Kuphela ndiya kuthetha oko athe mandikuthethe.

14. Ke ngoku ndiyagoduka; ndiya kwabakowethu. Kodwa ke, phambi kokuba ndihambe, ndifuna ukukhe ndikulumkise ngento aya kuyenza uSirayeli kubantu bakho.”

15. Wathetha ke kwavokotheka uBhalam, wathi:“Nal' udaba olundilisekileyo lukaBhalam, unyana kaBhehore,amazwi andilisekileyo omfo obona cacileyo,

16. izihlabo zomfo owevayo amazwi kaThixo,olwamkelayo ulwazi oluvela kuPhezukonke,othwetyulweyo, kambe ke ethe ntsho ngamehlo,walamile, unombono kaSomandla.

17. Ewe, ndiyambona; nankuya phambili phaya.Ndiyamalama, umgama, phambili qelele.Ndibon' inkwenkwez' iphuma kwaYakobi;ndiwujongile umsimbithi usithi thaphu kwaSirayeli.Uya kuzintlekez' iinkokheli zikaMowabhi,abafohloz' oonyana bakaSeti.

18. Uya kuzivuthulula iintshaba zakhe kwaEdom;ewe, iSeyire ibe yeyakhe,abe ke yena uSirayeli ekhula ngokomelela.

19. Kothi qhaphu umlawuli kwaYakobi,abasindileyo e-Edom abatshayele kuthi nya.”

20. UBhalam wabona nama-Amaleki, waza wathetha kwavokotheka wathi:“UAmaleki fudula elelona hlanga lomeleleyo,kambe ke ekugqibeleni uya kutshabalala kuthi tu!”

21. Kwangokunjalo wabona amaKeni, waza wathetha kwavokotheka wathi:“Ikhaya lakho ngumankankela wenqaba,ngathi yindlwana ekwiimfanta zeenkelekethe zamawa.

Eyasentlango 24