1. Ngeli xesha ke uBhalam wayeseleqonda ukuba *uNdikhoyo uzimisele ukumthamsanqela uSirayeli, ngoko ke akabanga sabhenela kwimilingo njengangaphambili. Wajonga ngasentlango,
2. waza wawabona amaSirayeli eqokelelene izindlu ngezindlu. Wasuka ke wonganyelwa nguMoya kaThixo;
3. waza wadanduluka wathetha kwavokotheka wenjenje:“Nal' udaba olundilisekileyo lukaBhalam, unyana kaBhehore,amazwi andilisekileyo omfo obona cacileyo,