25. UBhalaki wabhekisa kuBhalam wenjenje: “Xa usala ke ukuwaqalekisa la maSirayeli musa ukuwathamsanqela!”
26. UBhalam waphendula wathi: “Andithi na kanene ndikuxelele ukuba mna ndenza loo nto ndiyixelelwa nguNdikhoyo kuphela?”
27. UBhalaki waphinda wathetha noBhalam, wathi: “Hamba siye kwenye indawo. Mhlawumbi uThixo angakuvumela uwaqalekise amaSirayeli xa ukuloo ndawo.”
28. Ngoko ke wamsa phezu kwentaba iPehore evelele intlango.
29. UBhalam wathi: “Yenza amaqonga abe sixhenxe apha, futhi uze nesixhenxe seenkunzi zeenkomo ngokunjalo nezeegusha.”
30. Ngenene ke uBhalaki wenza ngokomyalelo kaBhalam, wanikela ngenkunzi yenkomo neyegusha kwiqonga ngalinye.