Eyasentlango 23:24-29 Ibhayibhile (XHO96)

24. Khawukhangele ke olu hlanga!Lucondoba njengemaz' engonyama;luvungama okwengwanyalal' engonyama.Aluphumli lungazenzang' iziqweng' utshaba,luze lulithi qongqololo igazi lamaxhoba!’ ”

25. UBhalaki wabhekisa kuBhalam wenjenje: “Xa usala ke ukuwaqalekisa la maSirayeli musa ukuwathamsanqela!”

26. UBhalam waphendula wathi: “Andithi na kanene ndikuxelele ukuba mna ndenza loo nto ndiyixelelwa nguNdikhoyo kuphela?”

27. UBhalaki waphinda wathetha noBhalam, wathi: “Hamba siye kwenye indawo. Mhlawumbi uThixo angakuvumela uwaqalekise amaSirayeli xa ukuloo ndawo.”

28. Ngoko ke wamsa phezu kwentaba iPehore evelele intlango.

29. UBhalam wathi: “Yenza amaqonga abe sixhenxe apha, futhi uze nesixhenxe seenkunzi zeenkomo ngokunjalo nezeegusha.”

Eyasentlango 23