Eyasentlango 23:2-10 Ibhayibhile (XHO96)

2. UBhalaki wenza ngokomyalelo lowo, baza ke noBhalam banikela inkunzi yenkomo neyegusha kwiqonga ngalinye.

3. UBhalam ke washiya uBhalaki kuloo ndawo, wathi kuye: “Yima ngakweli dini litshiswayo, ngeli lixa mna ndiza kukhe ndithi gu. Mhlawumbi *uNdikhoyo uza kudibana nam. Ndiya kukwazisa nasiphi na isityhilelo andinika sona.” Wahamba ke, wenyuka inkqantosi yenduli.

4. UThixo ke wadibana naye, uBhalam wathi: “Ndakhe amaqonga asixhenxe; kulo ngalinye ndenze idini ngenkunzi yenkomo neyegusha.”

5. UNdikhoyo ke waxelela uBhalam oko makakuthethe, wathi: “Buyela kuBhalaki, umazise oku.”

6. Ekubuyeni kwakhe ke wamfumana uBhalaki esemi apho ngakwidini elitshiswayo, enezo nkokheli zamaMowabhi.

7. UBhalam ke wathetha la mazwi andilisekileyo, wenjenje:“Ukumkani uBhalaki wamaMowabhi undisuse kwelama-Aram;undiphuthume kwiintaba ezisempumalanga.Uthe: ‘Yiza ushwabulele uYakobi egameni lam.Yiza kaloku, umqalekise uSirayeli.’

8. Xa bendingubani ke mna ukuba ndiqalekise ongaqalekiswanga nguThixo,ndambathise ngeshwangusha ongashwatyulelwanga nguNdikhoyo?

9. Kaloku nanko ndimbona ndisencochoyini yeentaba;nanko ndimbukele ndiphezu kweenduli.Ewe, luhlanga olungumth' uzimele;lona aluzibandakanyi nezinye izizwe.

10. Izizukulwana zikaYakobi yintlaninge njengentlabathi.Ngubani ke ongamcukucezayo ambale uSirayeli?Hayi bo! Masendisifa ukufa kwelungisa.Ewe, isiphelo sam masibe njengesabakhe.”

Eyasentlango 23