33. Ke yona idonki yakho indibonile, yaza yaphambuka kwada kwakathathu. Ukuba ibingaphambukanga ngendikubulele ndasindisa kwayona.”
34. UBhalam waphendula wathi: “Hayi, ndonile. Bendingaqondi ukuba uxabile endleleni yam, kambe ke ngoku xa ubona ukuba akufanelekanga ukuba ndihambe, ndiyajika, ndiyagoduka.”
35. Ke sona isithunywa sathi kuye: “Hayi, sowuhamba nala madoda; kodwa ke uze uthethe loo nto ndithi thetha yona.” Ngoko ke uBhalam wahamba nazo iinkokheli zakwaBhalaki.
36. UBhalaki uthe akuva ukuba uBhalam uyeza, wamhlangabeza, wadibana naye kwisixeko esiphezu komlambo iAnoni, kumda welaseMowabhi.
37. UBhalaki wambuza wathi: “Kwakutheni ukuze ungezi ngokuya ndandikuthumele kuqala? Ngaba wawukrokrela ukuba sobe ndibe nako ukukuhlawula?”
38. UBhalam waphendula wathi: “Andithi na kaloku ndizile? Kambe ke gunya lini endinalo? Hayi kaloku, ndothetha loo nto athi mandiyithethe uThixo.”