Eyasentlango 22:31-34 Ibhayibhile (XHO96)

31. UNdikhoyo ke wenza ukuba uBhalam asibone isithunywa eso sixabe endleleni siphethe ikrele. Akusibona ke, waziphosa phantsi ngobuso.

32. Isithunywa sabuza sathi: “Ubuyibethela ntoni kangaka le donki yakho kude kube kathathu? Ndize kukunqanda, kuba uzifaka engozini ngolu hambo.

33. Ke yona idonki yakho indibonile, yaza yaphambuka kwada kwakathathu. Ukuba ibingaphambukanga ngendikubulele ndasindisa kwayona.”

34. UBhalam waphendula wathi: “Hayi, ndonile. Bendingaqondi ukuba uxabile endleleni yam, kambe ke ngoku xa ubona ukuba akufanelekanga ukuba ndihambe, ndiyajika, ndiyagoduka.”

Eyasentlango 22