14. Ngoko ke bagoduka, bafika bamxelela uBhalaki ukuba uBhalam walile ukuhamba nabo.
15. Ngoku ke uBhalaki waphinda wathumela iqela leenkokheli ezaziwayo elikhulu kuneliya.
16. Zaya kuBhalam, zafika zathi: “UBhalaki unyana kaZipore uthi mawuncede uye kuye, ungavumeli nasiphi na isithintelo,
17. kuba uza kukuhlawula, waye uzimisele ukukwenzela nayiphi na into oyifunayo. Ngoko ke nceda uye kuqalekisa abaya bantu.”
18. Kambe ke uBhalam waphendula wathi: “Noba uBhalaki ubeza kundinika ibhotwe lakhe lizele yigolide nesiliva bendingeze ndawaphula umyalelo kaNdikhoyo uThixo wam.
19. Kodwa ke nani khanilale kwanjengabanye abaya, ukuze ndiphinde ndibuzise, hleze uNdikhoyo andinike myalelo wumbi.”
20. Ngobo busuku uThixo wafika kuBhalam, wathi: “Njengoko la madoda eze kukulanda nje, lungisa uhambe nawo. Kambe ke uze wenze loo nto ndikuxelela yona.”
21. Ngentsasa elandelayo ke uBalam wabopha idonki yakhe, wakhwela, wahamba nezo nkokheli zamaMowabhi.
22. Uthe ke uBhalam akuba ehamba, suka wavutha ngumsindo uThixo. Wayesahamba njalo ekhwele kuloo donki yakhe enezicaka zakhe ezibini, suka isithunywa *sikaNdikhoyo saxaba endleleni yakhe.
23. Idonki ithe yakusibona isithunywa eso sixabile endleleni, siphethe ikrele, yacebuka endleleni, yangena emasimini. Suka ke uBhalam wayibetha, wayibuyisela endleleni.
24. Ngoku ke isithunywa eso sema apho indlela imxinwa khona phakathi kwezidiliya ezibini, kwaye kukho uthango lwamatye ngapha nangapha.
25. Idonki leyo ithe yakusibona isithunywa eso, yayama uthango olo, latsho lagruzuka unyawo lukaBhalam. Kwakhona uBhalam wayibetha idonki leyo.
26. Kwakhona isithunywa sahambela phambilana, safika sema apho indlela yayimxinwa kangangokuba kungabikho sithuba sakudlula ngapha nangapha.
27. Kwesi ke isihlandlo idonki ithe yakusibona isithunywa eso yalala phantsi. UBhalam wacaphuka, waza wayingena ngenduku idonki yakhe.
28. Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wayenza ukuba ikwazi ukuthetha idonki leyo, yaza ke yathetha yathi kuBhalam: “Kodwa kodwa ndikwenze ntoni? Yintoni kanye ondibethela yona kwezi zihlandlo zozithathu?”
29. UBhalam waphendula wathi: “Kungoba uyandibhanxa! Ndiswele nje ikrele, ngendikubulele.”
30. Idonki yaphendula yabuza yathi: “Andithi na kanene ndiyidonki yakho, le yasoloko ikuthwala bonke ubomi bakho? Ke, kukangaphi ndikuphatha ngolu hlobo?”UBhalam waphendula wathi: “Zange nakanye.”
31. UNdikhoyo ke wenza ukuba uBhalam asibone isithunywa eso sixabe endleleni siphethe ikrele. Akusibona ke, waziphosa phantsi ngobuso.